Imigca Yokwahlula - Imigca Yesilumkiso
Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela enetrafikhi yamacala amabini.
Injongo: Ukulumkisa ukuba iimoto ezingaphesheya komgca wendlela zihamba ngecala elichasayo.
Okufuneka kwenziwe: Jonga iimoto ezisondelayo ezinokugqithela kwicala lakho lendlela.
Imigca Yemizila Eguqukayo
Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela.
Injongo: Ukulumkisa abaqhubi ukuba umzila oboniswe ngulo mgca unokusetyenziswa yitrafikhi evela kwicala elichasayo ngamaxesha ahlukeneyo emini okanye ebusuku.
Okufuneka kwenziwe: Jonga iimoto ezisondelayo.
Ulawulo Lokuvumela Phambili - Imigca Yesilumkiso
Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela phambi kokufika kwisiphambuka.
Injongo: Ukulumkisa ukuba kukho uphawu lokuvumela phambili.
Okufuneka kwenziwe: Cotha ukuba enye itrafikhi isondela kwisiphambuka uze ume ukuba kuyimfuneko.
Iintolo Zokunciphisa Imizila
Apho lumiselwe khona: Kwindlela enemizila emininzi.
Injongo: Ukulumkisa ukuba imizila yetrafikhi inciphisiwe ukusuka ekhohlo okanye ekunene okanye kumacala omabini.
Okufuneka kwenziwe: Tshintsha imizila ngexesha ukuba umzila ohamba kuwo uyaphela. Jonga zombini iindawo ezingabonakaliyo apho imizila emibini iphela kumacala omabini.
Pass